30. UAron noonyana bakhe uze ubathambise, ubangcwalise, babe ngababingeleli kum.
31. Wothetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Yoba yioli engcwele yokuthambisa kum le, kwizizukulwana zenu.
32. Ize ingàgalelwa nyameni yamntu; uze ungenzi enjengayo ngomlinganiso wayo; ingcwele yona, mayibe ngcwele kuni.
33. Umntu osukuba eqhola enjengayo, nosukuba ethabatha kuyo ayinike ongengowakuni, wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.
34. Wathi uYehova kuMoses, Zithabathele ubulawu, istorakis,* neonike,* negalebhana;* ubulawu obo bube nentlaka emhlophe engangxengelelweyo, ibe yimilinganiso elinganayo;
35. wenze ngabo isiqhumiso esiqholiweyo, umsebenzi womqholi, sigalelwe ityuwa, sihlambulukile, singcwele.
36. Woyisila inxenye yazo icoleke, ucaphule, ubeke phambi kwesingqino ententeni yokuhlangana, apho ndiya kuhlangana nawe khona; yoba yingcwele kangcwele kuni.
37. Isiqhumiso eso, oya kusenza ngokomlinganiso waso, ize ningazenzeli okwenu; kuwe soba yingcwele kuYehova.