Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 3:8-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ndihlile ke; ndizé kubahlangula esandleni samaYiputa, ndibanyuse baphume kwelo lizwe, baye ezweni elilungileyo, elibanzi, ezweni elibaleka amasi nobusi, endaweni yamaKanan, namaHiti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi.

9. Ngoku ke naku ukukhala koonyana bakaSirayeli, kufikile kum; kananjalo ndikubonile ukuxina abaxine ngako amaYiputa.

10. Hamba ngoku, ndíkuthume kuFaro, ubakhuphe eYiputa abantu bam, oonyana bakaSirayeli.

11. Wathi uMoses kuThixo, Ndingubani na ukuba ndingáde ndiye kuFaro, ukuba ndibakhuphe eYiputa oonyana bakaSirayeli?

12. Wathi, Ndiya kuba nawe. Nangu umqondiso wokuba ndikuthumile mna: ekubakhupheni kwakho abantu eYiputa, niya kumkhonza uThixo kule ntaba.

13. Wathi uMoses kuThixo, Ùyabona, ukuba ndiya koonyana bakaSirayeli, ndithi kubo, UThixo wooyihlo undithumile kuni, baze bathi kum, Ngubani na igama lakhe? ndothini na kubo?

14. Wathi uThixo kuMoses, NDINGUYE ENDINGUYE. Wathi, Wòtsho koonyana bakaSirayeli ukuthi, uNDINGUYE undithumile kuni.

15. Waphinda wathi uThixo kuMoses, Wòthi koonyana bakaSirayeli, UYehova, uThixo wooyihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi, undithumile kuni: ligama lam elo ngonaphakade, sisikhumbuzo sam eso kwizizukulwana ngezizukulwana.

16. Yiya uhlanganise amadoda amakhulu akwaSirayeli, uthi kuwo, UYehova, uThixo wooyihlo, uThixo ka-Abraham, kaIsake, kaYakobi, ubonakele kum, wathi, Ndinivelele nina, naloo nto niyenziweyo eYiputa.

17. Ndathi, Ndiya kuninyusa niphume ezintsizini zaseYiputa, niye ezweni lamaKanan, namaHiti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, ezweni elibaleka amasi nobusi.

18. Boliphulaphula ilizwi lakho; uze uye ke wena namadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani waseYiputa, nithi kuye, UYehova uThixo wamaHebhere uhlangene nathi; ngoku makhe sihambe entlango uhambo lweentsuku ezintathu, sibingelele kuYehova uThixo wethu.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 3