Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 3:8-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ndihlile ke; ndizé kubahlangula esandleni samaYiputa, ndibanyuse baphume kwelo lizwe, baye ezweni elilungileyo, elibanzi, ezweni elibaleka amasi nobusi, endaweni yamaKanan, namaHiti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi.

9. Ngoku ke naku ukukhala koonyana bakaSirayeli, kufikile kum; kananjalo ndikubonile ukuxina abaxine ngako amaYiputa.

10. Hamba ngoku, ndíkuthume kuFaro, ubakhuphe eYiputa abantu bam, oonyana bakaSirayeli.

11. Wathi uMoses kuThixo, Ndingubani na ukuba ndingáde ndiye kuFaro, ukuba ndibakhuphe eYiputa oonyana bakaSirayeli?

12. Wathi, Ndiya kuba nawe. Nangu umqondiso wokuba ndikuthumile mna: ekubakhupheni kwakho abantu eYiputa, niya kumkhonza uThixo kule ntaba.

13. Wathi uMoses kuThixo, Ùyabona, ukuba ndiya koonyana bakaSirayeli, ndithi kubo, UThixo wooyihlo undithumile kuni, baze bathi kum, Ngubani na igama lakhe? ndothini na kubo?

14. Wathi uThixo kuMoses, NDINGUYE ENDINGUYE. Wathi, Wòtsho koonyana bakaSirayeli ukuthi, uNDINGUYE undithumile kuni.

15. Waphinda wathi uThixo kuMoses, Wòthi koonyana bakaSirayeli, UYehova, uThixo wooyihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi, undithumile kuni: ligama lam elo ngonaphakade, sisikhumbuzo sam eso kwizizukulwana ngezizukulwana.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 3