Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 3:7-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Wathi uYehova, Ndizibonile okunene iintsizi zabantu bam abaseYiputa, nokukhala kwabo ndikuvile, ngenxa yabo babaqhuba kalukhuni; kuba ndiyawazi umvandedwa wabo.

8. Ndihlile ke; ndizé kubahlangula esandleni samaYiputa, ndibanyuse baphume kwelo lizwe, baye ezweni elilungileyo, elibanzi, ezweni elibaleka amasi nobusi, endaweni yamaKanan, namaHiti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi.

9. Ngoku ke naku ukukhala koonyana bakaSirayeli, kufikile kum; kananjalo ndikubonile ukuxina abaxine ngako amaYiputa.

10. Hamba ngoku, ndíkuthume kuFaro, ubakhuphe eYiputa abantu bam, oonyana bakaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 3