Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 29:42-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

42. Elo loba lidini elinyukayo lamaxesha onke kwizizukulwana zenu, emnyango wentente yokuhlangana phambi koYehova, apho ndiya kuhlangana nani khona, ndithethe nawe.

43. Khona apho ndohlangana noonyana bakaSirayeli, bangcwaliswe ngobuqaqawuli bam;

44. ndiyingcwalise intente yokuhlangana nesibingelelo, noAron noonyana bakhe ndibangcwalise, babe ngababingeleli bam.

45. Ndohlala phakathi koonyana bakaSirayeli, ndibe nguThixo wabo;

46. bazi ukuba ndinguYehova uThixo wabo, owabakhuphayo ezweni laseYiputa, ukuba ndihlale phakathi kwabo: ndinguYehova uThixo wabo.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 29