Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 29:38-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

38. Yiyo ke le into oya kuyibingelela esibingelelweni: ziimvana ezimnyaka mnye zibe mbini, imini ngemini amaxesha onke.

39. Enye imvana woyibingelela kusasa, eyesibini imvana uyibingelele lakutshona ilanga.

40. Kwimvana yokuqala uze wenze isahlulo seshumi se-efa* yomgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli engqushiweyo esisahlulo sesiné sehin,* ndawonye nomnikelo othululwayo osisahlulo sesiné sehin yewayini.

41. Eyesibini imvana woyibingelela lakutshona ilanga, uyenze ngokomnikelo wokudla wakusasa, nangokomnikelo walo othululwayo, ibe livumba elithozamisayo, ukudla kwasemlilweni kuYehova.

42. Elo loba lidini elinyukayo lamaxesha onke kwizizukulwana zenu, emnyango wentente yokuhlangana phambi koYehova, apho ndiya kuhlangana nani khona, ndithethe nawe.

43. Khona apho ndohlangana noonyana bakaSirayeli, bangcwaliswe ngobuqaqawuli bam;

44. ndiyingcwalise intente yokuhlangana nesibingelelo, noAron noonyana bakhe ndibangcwalise, babe ngababingeleli bam.

45. Ndohlala phakathi koonyana bakaSirayeli, ndibe nguThixo wabo;

46. bazi ukuba ndinguYehova uThixo wabo, owabakhuphayo ezweni laseYiputa, ukuba ndihlale phakathi kwabo: ndinguYehova uThixo wabo.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 29