Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 29:34-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

34. Ukuba kuthe kwasala nto enyameni yokumisela nasezonkeni, kwada kwasa, uze uyitshise ngomlilo loo nto iseleyo; ingàdliwa, kuba ingcwele.

35. Uze wenjenje kuAron nakoonyana bakhe ngokweento zonke endikuwisele umthetho ngazo; wobamisela iintsuku zibe sixhenxe.

36. Uze wenze idini lesono ngenkunzi entsha imini ngemini, ukuze kucanyagushwe; isibingelelo usihlambulule isono ekusicamagusheleni kwakho, usithambise, singcwaliswe.

37. Imihla yoba sixhenxe isibingelelo usicamagushela, usingcwalise, sibe sisibingelelo esiyingcwele kangcwele. Zonke izinto ezisichukumisayo isibingelelo eso zoba ngcwele.

38. Yiyo ke le into oya kuyibingelela esibingelelweni: ziimvana ezimnyaka mnye zibe mbini, imini ngemini amaxesha onke.

39. Enye imvana woyibingelela kusasa, eyesibini imvana uyibingelele lakutshona ilanga.

40. Kwimvana yokuqala uze wenze isahlulo seshumi se-efa* yomgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli engqushiweyo esisahlulo sesiné sehin,* ndawonye nomnikelo othululwayo osisahlulo sesiné sehin yewayini.

41. Eyesibini imvana woyibingelela lakutshona ilanga, uyenze ngokomnikelo wokudla wakusasa, nangokomnikelo walo othululwayo, ibe livumba elithozamisayo, ukudla kwasemlilweni kuYehova.

42. Elo loba lidini elinyukayo lamaxesha onke kwizizukulwana zenu, emnyango wentente yokuhlangana phambi koYehova, apho ndiya kuhlangana nani khona, ndithethe nawe.

43. Khona apho ndohlangana noonyana bakaSirayeli, bangcwaliswe ngobuqaqawuli bam;

44. ndiyingcwalise intente yokuhlangana nesibingelelo, noAron noonyana bakhe ndibangcwalise, babe ngababingeleli bam.

45. Ndohlala phakathi koonyana bakaSirayeli, ndibe nguThixo wabo;

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 29