Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 29:28-41 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. ibe yeka-Aron noonyana bakhe; ibe ngummiselo ongunaphakade, iphuma koonyana bakaSirayeli, kuba ingumrhumo. Wóba ngumrhumo ophuma koonyana bakaSirayeli emibingelelweni yabo yoxolo, umrhumo wabo kuYehova.

29. Izambatho ezingcwele ezikuAron zoba zezoonyana bakhe emva kwakhe, bathanjiswe ngeoli bezambethe, bamiselwe kuzo.

30. Lowo ungumbingeleli esikhundleni sakhe, koonyana bakhe, wozambatha imihla esixhenxe ekungenen kwakhe ententeni yokuhlangana, ukuba alungiselele engcweleni.

31. Inkunzi yemvu yokumisela uze uyithabathe, uyipheke inyama yayo endaweni engcwele;

32. bayidle ooAron noonyana bakhe inyama yenkunzi yemvu, kwanesonka esisengobozini, emnyango wentente yokuhlangana.

33. Ezo zinto, bekucanyagushwe ngazo, ukubamisela nokubangcwalisa, mabazidle; owasemzini makangazidli, kuba zingcwele.

34. Ukuba kuthe kwasala nto enyameni yokumisela nasezonkeni, kwada kwasa, uze uyitshise ngomlilo loo nto iseleyo; ingàdliwa, kuba ingcwele.

35. Uze wenjenje kuAron nakoonyana bakhe ngokweento zonke endikuwisele umthetho ngazo; wobamisela iintsuku zibe sixhenxe.

36. Uze wenze idini lesono ngenkunzi entsha imini ngemini, ukuze kucanyagushwe; isibingelelo usihlambulule isono ekusicamagusheleni kwakho, usithambise, singcwaliswe.

37. Imihla yoba sixhenxe isibingelelo usicamagushela, usingcwalise, sibe sisibingelelo esiyingcwele kangcwele. Zonke izinto ezisichukumisayo isibingelelo eso zoba ngcwele.

38. Yiyo ke le into oya kuyibingelela esibingelelweni: ziimvana ezimnyaka mnye zibe mbini, imini ngemini amaxesha onke.

39. Enye imvana woyibingelela kusasa, eyesibini imvana uyibingelele lakutshona ilanga.

40. Kwimvana yokuqala uze wenze isahlulo seshumi se-efa* yomgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli engqushiweyo esisahlulo sesiné sehin,* ndawonye nomnikelo othululwayo osisahlulo sesiné sehin yewayini.

41. Eyesibini imvana woyibingelela lakutshona ilanga, uyenze ngokomnikelo wokudla wakusasa, nangokomnikelo walo othululwayo, ibe livumba elithozamisayo, ukudla kwasemlilweni kuYehova.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 29