Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 29:25-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. uzithabathe ezandleni zabo, uqhumisele ngazo esibingelelweni, phezu kwedini elinyukayo, zibe livumba elithozamisayo phambi koYehova. Oko kukudla kwasemlilweni kuYehova.

26. Uze uthabathe incum yenkunzi yemvu yokumisela uAron, uyitshangatshangise ibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova, sibe sisabelo sakho eso.

27. Woyingcwalisa incum yomtshangatshangiso otshangatshangisiweyo, nomlenze womrhumo orhunyiweyo, enkunzini yemvu yokumisela uAron noonyana bakhe;

28. ibe yeka-Aron noonyana bakhe; ibe ngummiselo ongunaphakade, iphuma koonyana bakaSirayeli, kuba ingumrhumo. Wóba ngumrhumo ophuma koonyana bakaSirayeli emibingelelweni yabo yoxolo, umrhumo wabo kuYehova.

29. Izambatho ezingcwele ezikuAron zoba zezoonyana bakhe emva kwakhe, bathanjiswe ngeoli bezambethe, bamiselwe kuzo.

30. Lowo ungumbingeleli esikhundleni sakhe, koonyana bakhe, wozambatha imihla esixhenxe ekungenen kwakhe ententeni yokuhlangana, ukuba alungiselele engcweleni.

31. Inkunzi yemvu yokumisela uze uyithabathe, uyipheke inyama yayo endaweni engcwele;

32. bayidle ooAron noonyana bakhe inyama yenkunzi yemvu, kwanesonka esisengobozini, emnyango wentente yokuhlangana.

33. Ezo zinto, bekucanyagushwe ngazo, ukubamisela nokubangcwalisa, mabazidle; owasemzini makangazidli, kuba zingcwele.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 29