Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 26:5-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Wòwenza amasango abe mashumi mahlanu kwelinye ilengalenga; wenze amasango abe mashumi mahlanu ekupheleni kwelengalenga elisekuhlanganeni kwelesibini, ukuze amasango alungelelane elinye nelinye;

6. wenze amagwegwe egolide abe mashumi mahlanu, uwahlanganise amalengalenga, elinye nelinye, ngamagwegwe lawo, ube mnquba mnye.

7. Uze wenze amalengalenga ngoboya beebhokhwe abe yintente phezu komnquba, uwenze amalengalenga lawo abe lishumi elinalinye.

8. Ubude belengalenga lilinye boba ziikubhite ezimashumi mathathu; ububanzi belengalenga lilinye boba ziikubhite eziné; loo malengalenga alishumi elinalinye olingana.

9. Wowahlanganisa odwa amalengalenga amahlanu, namalengalenga amathandathu odwa; elesithandathu ilengalenga uliphinde phambi kwentente ngaphambili;

10. wenze amasango abe mashumi mahlanu emphethweni welengalenga elo lokugqibela, ekuhlanganeni namasango, abe mashumi mahlanu emphethweni welesibini ilengalenga elihlanganiswe nelinye.

11. Uze wenze amagwegwe obhedu abe mashumi mahlanu, uwafake amagwegwe awo emasangweni, uyihlanganise intente ibe nye.

12. Ke ukwanekwa kwendawo egqithiseleyo emalengalengeni entente, sothi isiqingatha selengalenga eligqithiseleyo sanekwe kwelasemva icala lomnquba;

13. ithi ikubhite ngapha nekubhite ngapho, endaweni egqithiseleyo ebudeni bamalengalenga entente, yanekwe emacaleni omnquba ngapha nangapho, iwugubungele.

14. Intente uze uyenzele isigubungelo ngezintsu zeenkunzi zezimvu, ezenziwe zayingqombela, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi ngaphezulu kweso.

15. Umnquba uze uwenzele iiplanga ngomngampunzi, zime.

16. Ubude beplanga boba ziikubhite ezilishumi, ububanzi beplanga inye bube yikubhite enesiqingatha.

17. Iplanga inye yoba neempondlo ezimbini, zihlangene olunye nolunye; wenjenjalo eziplangeni zonke zomnquba.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 26