Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 25:1-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathetha uYehova kuMoses, wathi, Thetha koonyana bakaSirayeli, bandizisele umrhumo.

2. Nowuthabatha umrhumo wam ebantwini bonke abanikela ngokuqhutywa yintliziyo.

3. Nguwo lo ke umrhumo eniya kuwuthabatha kubo: igolide, nesilivere, nobhedu; nento emsi nemfusa nebomwu,

4. nelinen ecikizekileyo, noboya beebhokhwe;

5. nezìntsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi;

6. nemingampunzi, ioli yesikhanyiso, ubulawu beoli yentambiso, nobesiqhumiso esiqholiweyo;

7. amatye ebherilo,* namatye okufakwe e-efodini,* nawobengo;

8. bandènzele indawo engcwele, ndihlale phakathi kwabo.

9. Njengako konke endikubonisa kona: ngokomfanekiso womnquba, nomfanekiso weempahla zawo zonke, ize nenjenjalo ukuwenza.

10. Mabenze ityeya yomngampunzi. Ubude bayo mabube ziikubhite* zombini ezinesiqingatha, ububanzi bayo bube yikubhite enesiqingatha, ukuphakama kwayo kube yikubhite enesiqingatha;

11. uyàleke ngegolide ecocekileyo, uyàleke ngaphakathi nangaphandle, uze uyithi jize ngesithsaba segolide;

12. woyityhidela amakhonkco egolide abe mané, uwafake emilenzeni yayo yominé, amakhonkco abe mabini ngeli icala, amakhonkco abe mabini ngelinya icala;

13. wenze izibonda ngomngampunzi, uzàleke ngegolide,

14. uzifake izibonda ezo emakhonkcweni asemacaleni etyeya, ithwalwe ngazo ityeya leyo.

15. Zoba semakhonkcweni etyeya izibonda ezo; maze zingàrholwa kuyo.

16. Isingqino, endiya kukunika sona, uze usibeke etyeyeni.

17. Uze wenze isihlalo sokucamagusha ngegolide ecocekileyo. Ubude baso mabube ziikubhite ezimbini ezinesiqingatha, ububanzi baso bube yikubhite enesiqingatha.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 25