Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 24:10-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Bambona uThixo wamaSirayeli; phantsi kweenyawo zakhe kwaye kunjengento eyenziwe ngesafire* eqaqambileyo, njengenkqu yezulu lisile.

11. Amanene oonyana bakaSirayeli akawasanga sandla. Ambona ke uThixo, adla, asela.

12. Wathi uYehova kuMoses, Nyuka uze kum entabeni, ube khona, ndikùnike amacwecwe amatye enomyalelo nomthetho, endiwubhalele ukuze bayalwe ngawo.

13. Wesuka uMoses noYoshuwa, umlungiseleli wakhe, wenyuka ke uMoses waya entabeni kaThixo.

14. Wathi kumadoda amakhulu, Hlalani, nisilinde apho, side sibuye, size kuni. Yabonani, uAron noHure banáni; onendawo yokumangala makasondele kubo.

15. Wenyuka ke uMoses waya entabeni; ilifu layigubungela intaba.

16. Ubuqaqawuli bukaYehova bahlala phezu kwentaba yeSinayi; ilifu layigubungela iintsuku ezintandathu; wamemeza kuMoses ngosuku lwesixhenxe phakathi efini.

17. Ke ukubonakala kobuqaqawuli bukaYehova, emehlweni oonyana bakaSirayeli, kwaye kunjengomlilo otshayo encotsheni yentaba.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 24