Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 24:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathi ke kuMoses, Nyuka uye kuYehova, wena noAron, uNadabhi, noAbhihu, namashumi asixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli, ninqule nikude;

2. kusondèle uMoses yedwa kuYehova; bangàsondeli bona, nabantu bangenyuki naye.

3. Waya uMoses, wabaxelela abantu onke amazwi kaYehova, namasiko onke. Baphendula bonke abantu ngazwi-nye, bathi, Onke amazwi awathethileyo uYehova sowenza.

4. Wawabhala uMoses onke amazwi kaYehova, wavuka kusasa, wákha isibingelelo emazantsi entaba, nezimiso zamatye zalishumi elinazibini, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.

5. Wathuma abafana bakoonyana bakwaSirayeli, banyusa amadini anyukayo, babingelela imibingelelo yoxolo, iinkunzi ezintsha zeenkomo kuYehova.

6. UMoses wathabatha isiqingatha segazi, wasigalela ezidendelekweni, esinye isiqingatha segazi wasitshiza esibingelelweni.

7. Wathabatha incwadi yomnqophiso, wayilesa ezindlebeni zabantu; bathi bona, Yonke into ayithethileyo uYehova soyenza siyive.

8. Walithabatha uMoses igazi, wabatshiza abantu ngalo, wathi, Nâlo igazi lomnqophiso awenzayo uYehova nani ngala mazwi onke.

9. Wenyuka uMoses noAron, uNadabhi noAbhihu, namashumi osixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli.

10. Bambona uThixo wamaSirayeli; phantsi kweenyawo zakhe kwaye kunjengento eyenziwe ngesafire* eqaqambileyo, njengenkqu yezulu lisile.

11. Amanene oonyana bakaSirayeli akawasanga sandla. Ambona ke uThixo, adla, asela.

12. Wathi uYehova kuMoses, Nyuka uze kum entabeni, ube khona, ndikùnike amacwecwe amatye enomyalelo nomthetho, endiwubhalele ukuze bayalwe ngawo.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 24