Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 23:23-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Kuba isithunywa sam sohamba phambi kwakho, sikufikise kuma-Amori, namaHiti, namaPerizi, namaKanan, namaHivi, namaYebhusi; ndiwabethe athi shwaka.

24. Uze ungabanquli oothixo babo, ungabakhonzi, ungenzi ngokwemisebenzi yabo; uze uzigungxule, uziqhekeze nokuziqhekeza izimiso zabo zamatye.

25. Nize nikhonze uYehova uThixo wenu, asisikelele isonka sakho, namanzi akho; ndisisuse isifo phakathi kwakho.

26. Akuyi kubakho kuphunza nakudlola ezweni lakho; inani lemihla yakho ndolizalisa.

27. Ndiya kuzithuma phambi kwakho izothuso zam, ndibadubadube bonke abantu oya kufika kubo, iintshaba zakho zonke ndizenze zikunikele ikhosi;

28. ndithùme oonomeva phambi kwakho, bawagxothe amaHivi, namaKanan, namaHiti, asuke phambi kwakho.

29. Andiyi kuwagxotha phambi kwakho ngamnyaka mnye, hleze ilizwe kube senkangala kulo, ande amarhamncwa asendle phezu kwakho.

30. Ndiya kumana ukuwagxotha kancinane phambi kwakho, ude wande, ulidle ilifa ilizwe.

31. Ndoyimisa imida yakho, ithabathele kuLwandle oluBomvu* ise kulwandle lwamaFilisti; ithabathele entlango, ise kuwo uMlambo;* kuba abemi belo lizwe ndiya kubanikela esandleni sakho, ubagxothe phambi kwakho.

32. Uze unganqophisani nabo, kwanoothixo babo; ize bangemi kwelo zwe lakho,

33. hleze bakwenze undoni. Xa uthe wabakhonza oothixo babo, inene, oko koba ngumgibe kuwe.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 23