Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 22:19-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Bonke abathe balala inkomo, mababulawe bafe.

20. Obingelela kuthixo ongenguye uYehova yedwa, makasingelwe phantsi.

21. Umphambukeli uze ungamxinzeleli phantsi, ungamxini; kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.

22. Yonke into engumhlolokazi nenkedama uze ungayicinezeli.

23. Ukuba ùthe wabacinezela nangayiphi na indlela, bakhala kum, ndokuva ukukhala kwabo;

24. uvuthe umsindo wam, ndinibulale ngekrele; babe ngabahlokokazi abafazi benu, babe ziinkedama abantwana benu.

25. Ukuba ùthe wababoleka imali abantu bam abaziintsizana abanawe, uze ungabi kubo njengomboleki-mali: uze ungababizi nzala.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 22