Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 22:16-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Xa athe umntu warhwebesha intombi engàganiweyo, walala nayo, woyilobola ibe ngumkakhe.

17. Ukuba uyise wayo walile kanye ukumnika, makarhole imali njengekhazi lazo iintombi.

18. Umkhafulikazi uze ungamyeki adle ubomi.

19. Bonke abathe balala inkomo, mababulawe bafe.

20. Obingelela kuthixo ongenguye uYehova yedwa, makasingelwe phantsi.

21. Umphambukeli uze ungamxinzeleli phantsi, ungamxini; kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.

22. Yonke into engumhlolokazi nenkedama uze ungayicinezeli.

23. Ukuba ùthe wabacinezela nangayiphi na indlela, bakhala kum, ndokuva ukukhala kwabo;

24. uvuthe umsindo wam, ndinibulale ngekrele; babe ngabahlokokazi abafazi benu, babe ziinkedama abantwana benu.

25. Ukuba ùthe wababoleka imali abantu bam abaziintsizana abanawe, uze ungabi kubo njengomboleki-mali: uze ungababizi nzala.

26. Ukuba ummelwane wakho ubambise ngengubo yakhe kuwe, wòyibuyisela kuye, lingekatshoni ilanga;

27. kuba yona ikukuphela kwesigubungelo anaso, yingubo yakhe yomzimba wakhe; wólala ngantoni ke? Kothi, xa athe wakhala kum, ndive; kuba ndinenceba.

28. UThixo uze ungamtshabhisi, nesikhulu ebantwini bakowenu uze ungasiqalekisi.

29. Indyebo yakho nencindi yemithi yakho, uze ungalibali ukundinika. Oonyana bakho bamazibulo uze undinike.

30. Ùze wenjenjalo ngenkomo yakho, nangempahla yakho emfutshane: mayibe kunina iintsuku ezisixhenxe, uthi ngosuku lwesibhozo undinike.

31. Nòba ngabantu abangcwele kum; inyama yento eqwengiweyo endle nize ningayidli; noyiphosa ezinjeni.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 22