Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 22:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Xa umntu athe weba inkomo, nokuba yigusha, wayixhela, mhlawumbi wathengisa ngayo: makadliwe iinkomo zibe ntlanu ngenkomo leyo, izimvu zibe né ngemvu leyo.

2. Ukuba isela lithe lafunyanwa ligqobha indlu, labethawa lafa, akukho tyala lagazi kulowo.

3. Ukuba liphunyelwe lilanga, lobakho ityala legazi kulowo. Loo nto maliyimisele ngokuzeleyo; ukuba alinanto, makuthengiswe ngalo ngenxa yobusela balo.

4. Ukuba ithe yafunyanwa isesandleni salo, okanye iphilile, loo nto ibiweyo, nokuba yinkomo, nokuba liesile, nokuba yigusha, maliyibuyise nganto mbini.

5. Xa umntu athe wadlisa intsimi, nokuba sisidiliya, wavulela iinkomo zakhe, zayidla intsimi yomnye: makamisele ngeyona nto intle yentsimi yakhe, nangeyona nto intle yesidiliya sakhe.

6. Xa kuthe kwatsha umlilo, wafumanana neentango, watshisa izitha zengqolowa, nokuba yemiyo, nokuba yintsimi: lowo uwutshisileyo makazimisele ezo zinto.

7. Xa athe umntu wanikela ummelwane wakhe imali, nokuba yimpahla, ukuba ayigcine, yaza yabiwa endlwini yaloo mntu: ukuba lithe lafunyanwa isela elo, maliyibuyekeze kabini.

8. Ukuba lithe alafunyanwa isela: umninindlu makasondezwe kuThixo,* afunge ukuba akayiphathanga impahla yommelwane wakhe lowo.

9. Ngenxa yezinto zonke zokona, ngenxa yenkomo, ye-esile, yegusha, yengubo, nangenxa yezinto zonke ezidakileyo, ezifaniswayo: loo ndawo yabo bobabini yoya phambi koThixo;* othe wagwetywa nguThixo,* wombuyekeza kabini ummelwane wakhe.

10. Xa athe umntu wanika ummelwane wakhe iesile, nokuba yinkomo, nokuba yigusha, nokuba yiyiphi into ezitho ziné, ukuba ayigcine; yaza yafa, mhlawumbi yaphuka, mhlawumbi yathinjwa, kungaboni bani:

11. makubekho ukufunga uYehova phakathi kwabo bobabini, ukuba akayiphathanga impahla yommelwane wakhe; makamkele oko umniniyo, loo mntu angayimiseli.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 22