Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 21:22-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Xa athe amadoda abambana ngezihlwitha, agila umfazi emithi, waphuma isisu, akwenzakala nto noko: makahlawuliswe ngenene umfo lowo, njengoko iya kubeka phezu kwakhe indoda yaloo mfazi, arhole ngokwelizwi labahluli.

23. Ukuba uthe wenzakala, ùze urhole umphefumlo ngomphefumlo,

24. iliso ngeliso, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, unyawo ngonyawo,

25. ukutshiswa ngokutshiswa, inxeba ngenxeba, umvumbo ngomvumbo.

26. Xa athe umntu wasibetha esweni isicaka sakhe, nokuba uthe wasibetha esweni isicakakazi sakhe, latyhaphaka: makasindulule sikhululekile ngenxa yeliso laso.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 21