Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 21:20-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Xa athe umntu wabetha isicaka sakhe, nokuba sisicakakazi sakhe ngentonga, safa ngesandla sakhe: sophindezelwa ngenene.

21. Kodwa ukuba sithe sahlala, àsafa, usuku nokuba ziintsuku: makungaphindezelwa; kuba siyimali yakhe.

22. Xa athe amadoda abambana ngezihlwitha, agila umfazi emithi, waphuma isisu, akwenzakala nto noko: makahlawuliswe ngenene umfo lowo, njengoko iya kubeka phezu kwakhe indoda yaloo mfazi, arhole ngokwelizwi labahluli.

23. Ukuba uthe wenzakala, ùze urhole umphefumlo ngomphefumlo,

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 21