Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 21:12-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Othe wabetha umntu wafa, naye wobulawa afe.

13. Ke lowo ubengenanzondo, yanguThixo omqubisanise nesandla sakhe, ndokumisela indawo aya kusabela kuyo.

14. Xa ke umntu athe wagabadela ngakummelwane wakhe, wambulala ngobuqhophololo: uze umsuse nasesibingelelweni sam, afe.

15. Othe wabetha uyise, nokuba ngunina, wobulawa afe.

16. Othe weba umntu, nokuba uthengise ngaye, nokuba ufunyenwe esandleni sakhe, wobulawa afe.

17. Othe watshabhisa uyise, nokuba ngunina, wobulawa afe.

18. Xa athe abambana amadoda, yaza enye yambetha ummelwane wakhe ngelitye, nokuba kungengqindi, àkafa, wesuka walala ngendlu:

19. ukuba uthe wavuka, wahamba phandle esimelela: mayingabi natyala leyo yambethayo, kodwa yomnika indleko yexesha lakhe, imphilise aphile.

20. Xa athe umntu wabetha isicaka sakhe, nokuba sisicakakazi sakhe ngentonga, safa ngesandla sakhe: sophindezelwa ngenene.

21. Kodwa ukuba sithe sahlala, àsafa, usuku nokuba ziintsuku: makungaphindezelwa; kuba siyimali yakhe.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 21