Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 20:13-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Uze ungabulali.

14. Uze ungakrexezi.

15. Uze ungebi.

16. Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho.

17. Uze ungawunqweneli umzi wommelwane wakho. Uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.

18. Bonke abantu bazibona iindudumo nemibane, nesandi sesigodlo, nentaba ingumsi. Abantu babona ke bangcangacazela, bamela kude.

19. Bathi kuMoses, Thetha wena nathi, siya kuva; makangathethi nathi uThixo, hleze sife.

20. Wathi uMoses ebantwini, Musani ukoyika; kuba uThixo uze kunilinga, ukuba kubekho ukumoyika ebusweni benu, ukuze ningoni.

21. Abantu bamela kude; wasondela uMoses esithokothokweni abekuso uThixo.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 20