Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 20:11-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. kuba ngemihla emithandathu uYehova wênza izulu, nomhlaba, nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, waphumla ngomhla wesixhenxe; ngenxa yoko uYehova wawusikelela umhla wesabatha, wawungcwalisa.

12. Beka uyihlo nonyoko, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.

13. Uze ungabulali.

14. Uze ungakrexezi.

15. Uze ungebi.

16. Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho.

17. Uze ungawunqweneli umzi wommelwane wakho. Uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.

18. Bonke abantu bazibona iindudumo nemibane, nesandi sesigodlo, nentaba ingumsi. Abantu babona ke bangcangacazela, bamela kude.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 20