Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 20:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UThixo wawathetha ke onke la mazwi, wathi:

2. NdinguYehova, uThixo wakho, owakukhupha ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.

3. Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam.

4. Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba.

5. Uze ungaqubudi kwezo nto, ungazikhonzi: kuba mna, Yehova Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana, kwesesithathu nakwesesiné isizukulwana sabandithiyileyo;

6. ndiwenzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.

7. Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho; kuba uYehova akayi kumenza omsulwa ofumana alibize igama lakhe.

8. Khumbula umhla wesabatha, ukuba uwungcwalise.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 20