1. UThixo wawathetha ke onke la mazwi, wathi:
2. NdinguYehova, uThixo wakho, owakukhupha ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.
3. Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam.
4. Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba.