Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 2:14-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Wathi yena, Ùmiswe ngubani na ukuba ube ngumthetheli nomgwebi phezu kwethu? Uza kundibulala na nam, usitsho nje, njengokuba umbulele umYiputa? Woyika uMoses, wathi, Mayibe le nto iyaziwa.

15. UFaro wayiva le nto, wafuna ukumbulala uMoses. Wabaleka uMoses, wemka kwaFaro, waya kuma ezweni lakwaMidiyan, wahlala phantsi ngasequleni.

16. Ke kaloku umbingeleli wakwaMidiyan wayeneentombi ezisixhenxe; zeza kukha amanzi, zayizalisa imikhumbi ukuba ziseze impahla emfutshane kayise.

17. Bafika abalusi, bazigxotha. Wesuka uMoses wazinceda, wayiseza impahla yazo emfutshane.

18. Zakufika kuRehuweli uyise, wathi, Nitheni na namhlanje ukuhle nifike?

19. Zathi, Sihlangulwe ngumYiputa esandleni sabalusi; kunjalo wasikhelela amanzi, wayiseza impahla emfutshane.

20. Wathi ezintombini zakhe, Uphi na? Nimshiyeleni na umntu lowo? Mbizeni, adle isonka.

21. Wakholwa uMoses kukuhlala naloo ndoda. Yamnika uMoses uTsipora, intombi yayo.

22. Yazala unyana, wamthiya igama elinguGershom,* kuba ubesithi, Ndingumphambukeli ezweni lolunye uhlanga.

23. Kwathi emva kwaloo mihla mininzi wafa ukumkani waseYiputa. Bancwina oonyana bakaSirayeli ngenxa yomsebenzi, bakhala; kwenyuka ukuzibika kwabo, kwaya kuThixo, ngenxa yomsebenzi.

24. Wakuva uThixo ukugula kwabo, wawukhumbula uThixo umnqophiso wakhe noAbraham, noIsake, noYakobi.

25. UThixo wababona oonyana bakaSirayeli, wabazi uThixo.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 2