Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 2:11-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Kwathi ke ngaloo mihla, akukhula uMoses, waphuma waya kubazalwana bakhe, ekhangela imithwalo yabo. Wabona umYiputa ebetha umHebhere wakubazalwana bakhe.

12. Wabhekabheka, wathi akuba engaboni mntu, wamthi qwaka umYiputa, wamselela entlabathini.

13. Waphuma ngemini yesibini; wabona amaHebhere emabini entlalana; wathi kowoné omnye, Yini na ukuba umbethe ummelwane wakho?

14. Wathi yena, Ùmiswe ngubani na ukuba ube ngumthetheli nomgwebi phezu kwethu? Uza kundibulala na nam, usitsho nje, njengokuba umbulele umYiputa? Woyika uMoses, wathi, Mayibe le nto iyaziwa.

15. UFaro wayiva le nto, wafuna ukumbulala uMoses. Wabaleka uMoses, wemka kwaFaro, waya kuma ezweni lakwaMidiyan, wahlala phantsi ngasequleni.

16. Ke kaloku umbingeleli wakwaMidiyan wayeneentombi ezisixhenxe; zeza kukha amanzi, zayizalisa imikhumbi ukuba ziseze impahla emfutshane kayise.

17. Bafika abalusi, bazigxotha. Wesuka uMoses wazinceda, wayiseza impahla yazo emfutshane.

18. Zakufika kuRehuweli uyise, wathi, Nitheni na namhlanje ukuhle nifike?

19. Zathi, Sihlangulwe ngumYiputa esandleni sabalusi; kunjalo wasikhelela amanzi, wayiseza impahla emfutshane.

20. Wathi ezintombini zakhe, Uphi na? Nimshiyeleni na umntu lowo? Mbizeni, adle isonka.

21. Wakholwa uMoses kukuhlala naloo ndoda. Yamnika uMoses uTsipora, intombi yayo.

22. Yazala unyana, wamthiya igama elinguGershom,* kuba ubesithi, Ndingumphambukeli ezweni lolunye uhlanga.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 2