Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 19:16-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Kwathi ngomhla wesithathu, kwakusa, kwabakho iindudumo, nemibane, nelifu elinzima phezu kwentaba, nesandi sesigodlo esomeleleyo kunene; bagubha bonke abantu abaseminqubeni.

17. UMoses wabakhupha abantu eminqubeni, baya kumkhawulela uThixo; bema emazantsi entaba.

18. Intaba yeSinayi yaba ngumsi yonke iphela, kuba uYehova wehla phezu kwayo esemlilweni. Umsi wayo wenyuka njengomsi weziko lemfutho; yanyikima kunene yonke intaba.

19. Kwabakho isandi sesigodlo esaya sisomelela kakhulu; wathetha uMoses, uThixo wamphendula ngesandi.

20. Wehla ke uYehova phezu kwentaba yeSinayi, encotsheni yentaba; uYehova wambizela uMoses encotsheni yentaba leyo; wenyuka ke uMoses.

21. Wathi uYehova kuMoses, Yihla, ubaqononondise abantu, hleze batyhobozele kuYehova, bakhangele, kwenzakale into eninzi kubo.

22. Kananjalo ababingeleleli abasondelayo kuYehova, mabazingcwalise, hleze uYehova ababhubhise.

23. Wathi uMoses kuYehova, Abantu abanakunyuka, baye entabeni yeSinayi; kuba wena wasiqononondisa wathi, Yimisele imida intaba, uyingcwalise.

24. Wathi uYehova kuye, Hamba uhle, uze unyuke wena ninoAron; ke ababingeleli nabantu mabangatyhobozi benyuke beze kuYehova, hleze ababhubhise.

25. Wehla ke uMoses, waya ebantwini, watsho kubo.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 19