Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 18:5-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. UYitro, uyise womkaMoses, weza ke noonyana bakhe nomkakhe, kuMoses entlango, apho wayemise khona intente, entabeni kaThixo.

6. Wathi kuMoses, Mna Yitro, únguyihlo, ndizé kuwe, ndinomkakho enoonyana bakhe bobabini.

7. Waphuma uMoses, waya kumkhawulela uyise womkakhe, waqubuda, wamanga; babuzana impilo, bangena ententeni.

8. UMoses wambalisela uyise womkakhe yonke into uYehova abeyenzile kuFaro nakumaYiputa ngenxa kaSirayeli; nenkxamleko yonke abayifumanáyo endleleni, nokuhlangulwa kwabo nguYehova.

9. Wavuya uYitro akukuva konke ukulunga abekwenzile uYehova kuSirayeli, ngokumhlangula esandleni samaYiputa.

10. Wathi uYitro, Makabongwe uYehova owanihlangulayo esandleni samaYiputa, nasesandleni sikaFaro; owabahlangulayo abantu, baphuma phantsi kwesandla samaYiputa.

11. Ngoku ndiyazi ukuba uYehova mkhulu koothixo bonke; ewe, kwakuloo nto amaYiputa abewakhukhumalele ngayo amaSirayeli.

12. UYitro, uyise womkaMoses, wamthabathela uThixo idini elinyukayo nemibingelelo; weza uAron namadoda amakhulu onke akwaSirayeli, esiza kudla isonka noyise womkaMoses phambi koThixo.

13. Kwathi ngengomso, uMoses wahlala wathetha amatyala abantu; abantu baxhontela kuMoses, kususela kusasa kwada kwangokuhlwa.

14. Wayibona uyise womkaMoses yonke into abeyenza ebantwini, wathi, Iyintoni na le nto uyenzayo ebantwini? Kungani na, le nto uhlala wedwa, bathi bona bonke abantu baxhontele kuwe, kususela kusasa kude kuhlwe?

15. Wathi uMoses kuyise womkakhe, Kungokuba abantu besiza kum ukuba ndibacelele icebo kuThixo;

16. xa banendawo, beza kum ukuba ndigwebe phakathi komntu nommelwane wakhe, ndibazíse imimiselo kaThixo nemiyalelo yakhe.

17. Wathi uyise womkaMoses kuye, Ayilungile le nto uyenzayo.

18. Uya kuzigqiba uphele amandla, naba bantu unabo; kuba lo msebenzi unzima kuwe, akunakuwenza wedwa.

19. Phulaphula ngoko izwi lam, ndikuphe iqhinga; uThixo woba nawe. Wena yiba ngumlomo wabantu kuThixo, uzise izinto zabo kuThixo;

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 18