Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 18:22-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. bathethe amatyala abantu ngamaxesha onke; zithi izinto zonke ezinkulu bazizise kuwe; zonke ezincinane bazigwebe bona, ukuze kube lula kuwe, bakuthwalise.

23. Ukuba ùthe wayenza loo nto, waza wakuwisela umthetho uThixo, wòba nako ukuma, bathi naba bantu bonke bafike endaweni yabo benoxolo.

24. UMoses waliphulaphula izwi loyise womkakhe, wayenza into yonke abeyithethile.

25. UMoses wanyula amadoda anobunkunkqele ekuthetheni amatyala kuwo onke amaSirayeli, wawenza iintloko phezu kwabantu, aba ngabathetheliwaka, nabathetheli-khulu, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, nabathetheli bamashumi ngamanye.

26. Bathetha amatyala abantu ngamaxesha onke; izinto ezinqabileyo bazizisa kuMoses, zonke ezincinane bazigweba bona.

27. UMoses wamndulula uyise womkakhe, waya elizweni lakowabo.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 18