Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 18:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UYitro, umbingeleli wakwaMidiyan, uyise womkaMoses, wayiva yonke into uThixo abeyenzele uMoses, namaSirayeli abantu bakhe, ukuba uYehova uwakhuphile amaSirayeli eYiputa.

2. UYitro, uyise womkaMoses, wamthabatha uTsipora, umkaMoses, emveni kokuba ebemndulule,

3. noonyana bakhe bobabini; igama lomnye lalinguGershom,* kuba wathi, Bendingumphambukeli ezweni lolunye uhlanga;

4. igama lomnye lalinguEliyezere,* kuba wathi, UThixo kabawo ubengumncedi wam, wandihlangula ekreleni likaFaro.

5. UYitro, uyise womkaMoses, weza ke noonyana bakhe nomkakhe, kuMoses entlango, apho wayemise khona intente, entabeni kaThixo.

6. Wathi kuMoses, Mna Yitro, únguyihlo, ndizé kuwe, ndinomkakho enoonyana bakhe bobabini.

7. Waphuma uMoses, waya kumkhawulela uyise womkakhe, waqubuda, wamanga; babuzana impilo, bangena ententeni.

8. UMoses wambalisela uyise womkakhe yonke into uYehova abeyenzile kuFaro nakumaYiputa ngenxa kaSirayeli; nenkxamleko yonke abayifumanáyo endleleni, nokuhlangulwa kwabo nguYehova.

9. Wavuya uYitro akukuva konke ukulunga abekwenzile uYehova kuSirayeli, ngokumhlangula esandleni samaYiputa.

10. Wathi uYitro, Makabongwe uYehova owanihlangulayo esandleni samaYiputa, nasesandleni sikaFaro; owabahlangulayo abantu, baphuma phantsi kwesandla samaYiputa.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 18