Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 17:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Landuluka lonke ibandla loonyana bakaSirayeli entlango yaseSin ngokweehambo zabo, ngelizwi likaYehova; bazimisa iintente eRefidim. Akwabakho manzi okuselwa ngabantu.

2. Babambana abantu noMoses, bathi, Sínike amanzi, sisele. Wathi uMoses kubo, Yini na ukuba nibambane nam? Yini na ukuba nimlinge uYehova?

3. Banxanelwa amanzi apho abantu; abantu bamkrokrela uMoses, bathi, Yini na ukuba usinyuse siphume eYiputa, nosapho lwethu, nemfuyo yethu, uze kusibhubhisa ngenxano?

4. UMoses wadanduluka kuYehova, esithi, Ndiya kubathini na aba bantu? Sekukancinane ukuba bandixulube ngamatye.

5. Wathi uYehova kuMoses, Gqithela phambi kwabantu, uthabathe amadoda amakhulu akwaSirayeli abe nawe; uthi nentonga yakho, owawubetha ngayo umlambo, uyiphathe esandleni sakho, uhambe.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 17