Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 16:24-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Bayibeka ke kwada kwasa, njengoko uMoses wabawisela umthetho; àyanuka, akwabakho mpethu kuyo.

25. Wathi uMoses Yidleni namhla; kuba namhla yisabatha kuYehova; namhla aniyi kuyifumana endle.

26. Noyibutha imihla emithandathu; ngomhla wesixhenxe yisabatha; ayi kubakho ngawo.

27. Kuthe ngomhla wesixhenxe, kwaphuma inxenye yabantu, yaya kubutha, ayafumana nto.

28. Wathi uYehova kuMoses, Kuya kuda kube nini na, ningavumi ukuyigcina imithetho yam nemiyalelo yam?

29. Niyabona ke, uYehova uninike isabatha; kungenxa yoko athe ngomhla wesithandathu waninika isonka semihla emibini. Hlalani elowo endaweni yakhe; makungaphumi mntu endaweni yakhe ngomhla wesixhenxe.

30. Baye bephumla ke abantu ngomhla wesixhenxe.

31. Indlu kaSirayeli yathi igama lale nto yimana.* Yayinjengembewu yekoriyandire,* imhlophe, isongo sayo sinjengezonkana ezinobusi.

32. Wathi uMoses, Nantsi into awise umthetho ngayo uYehova: zalisani ihomere ngayo, igcinelwe izizukulwana zenu, ukuze zisibone isonka endinidlise sona entlango, ekunikhupheni ezweni laseYiputa.

33. Wathi uMoses kuAron, Thabatha isitya sibe sinye, ugalele ihomere kuso sizale yimana, uyibeke phambi koYehova, igcinelwe izizukulwana zenu;

34. igcinwe njengoko uYehova wamwisela uMoses umthetho ngako. Wayibeka uAron phambi kwesingqino, ukuba igcinwe.

35. Bayidla oonyana bakaSirayeli imana iminyaka emashumi mané, bada bafika ezweni elimiweyo; bayidla imana bada bafika emdeni welizwe lakwaKanan.

36. Ke ihomere isisahlulo seshumi se-efa.*

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 16