Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 16:2-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Labakrokrela ooMoses noAron lonke ibandla loonyana bakaSirayeli entlango apho.

3. Bathi oonyana bakaSirayeli kubo, Akwaba besife sisandla sikaYehova ezweni laseYiputa, xa sasihleli ngasezimbizeni zenyama, sisidla isonka sada sahlutha; ngokuba nisikhuphele kule ntlango, ukuze nisibhubhise sonke esi sikhungu ngendlala.

4. Wathi uYehova kuMoses, Uyabona, ndiya kuninisela isonka sivela ezulwini; baphume abantu, babuthe isabelo semini esilingene imini, ukuze ndibalinge ukuba bohamba ngomyalelo wam, abayi kuhamba ngawo, kusini na.

5. Kothi ngemini yesithandathu, balungise oko bakuzisileyo; koba ngumlinganiselo ophindwe kabini kunoko bathe bakubutha imihla ngemihla.

6. Wathi uMoses noAron koonyana bakaSirayeli bonke, Ngokuhlwa niya kwazi ukuba nguYehova owanikhuphayo ezweni laseYiputa;

7. kusasa niya kububona ubuqaqawuli bukaYehova, ekubeni ekuvile ukumkrokrela kwenu uYehova. Thina besingoobani na ukuba nisikrokrele?

8. Wathi uMoses, Niya kububona ekuthini uYehova aninike inyama ngokuhlwa, nidle isonka kusasa, nihluthe; ekubeni uYehova ekuvile ukukroka kwenu enimkrokrela ngako. Ke thina singoobani na? Anikrokreli thina, nikrokrela uYehova.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 16