Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 16:17-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Benjenjalo oonyana bakaSirayeli; babutha omnye kakhulu, omnye kancinane.

18. Balinganisela ngehomere; akagqithisa obúthe kakhulu; akasilela obuthe kancinane; babutha elowo ngangokudla kwakhe.

19. Wathi kubo uMoses, Umntu makangabeki mbeko.

20. Abamphulaphulanga uMoses. Inxenye yayibeka umbeko; yabola, yaba neempethu, yanuka. UMoses waba noburhalarhume kubo.

21. Bayibutha imiso ngemiso, elowo ngangokudla kwakhe; lathi lakufudumala ilanga yanyibilika.

22. Kwathi ngemini yesithandathu, babutha isonka semihla emibini, iihomere ezimbini mntwini mnye. Zangena zonke izikhulu zebandla, zamxelela uMoses.

23. Wathi kuzo, Yiyo loo nto ayithethileyo uYehova, Ngomso luphumlo; yisabatha engcwele kuYehova; yosani enikosayo, phekani enikuphekayo, zibekeleni yonke into eseleyo, igcinwe kude kuse.

24. Bayibeka ke kwada kwasa, njengoko uMoses wabawisela umthetho; àyanuka, akwabakho mpethu kuyo.

25. Wathi uMoses Yidleni namhla; kuba namhla yisabatha kuYehova; namhla aniyi kuyifumana endle.

26. Noyibutha imihla emithandathu; ngomhla wesixhenxe yisabatha; ayi kubakho ngawo.

27. Kuthe ngomhla wesixhenxe, kwaphuma inxenye yabantu, yaya kubutha, ayafumana nto.

28. Wathi uYehova kuMoses, Kuya kuda kube nini na, ningavumi ukuyigcina imithetho yam nemiyalelo yam?

29. Niyabona ke, uYehova uninike isabatha; kungenxa yoko athe ngomhla wesithandathu waninika isonka semihla emibini. Hlalani elowo endaweni yakhe; makungaphumi mntu endaweni yakhe ngomhla wesixhenxe.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 16