Wayidonyula imilenze yeenqwelo zawo zokulwa, aziqhuba nzima. Athi amaYiputa, Masisabe phambi kwamaSirayeli, kuba uYehova uyawalwela, esilwa namaYiputa.