19. UMoses wawathabatha wahamba nawo amathambo kaYosefu; kuba wayebafungisile nokubafungisa oonyana bakaSirayeli, esithi, UThixo uya kunivelela okunene; nize niwanyuse amathambo am, emke nani kule ndawo.
20. Banduluka eSukoti, balalisa e-Etam, enyeleni yentlango.
21. UYehova wahamba phambi kwabo ngomqulu welifu emini, ebakhokela ngendlela; ngomqulu womlilo ebusuku, ebakhanyisela, ukuze bahambe imini nobusuku.
22. Awusukanga umqulu welifu emini, nomqulu womlilo ebusuku, phambi kwabantu.