Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 12:40-49 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

40. Ke ukuhlala koonyana bakaSirayeli, abakuhlalayo eYiputa, yiminyaka emakhulu mané aneminyaka emanci mathathu.

41. Ekupheleni kweminyaka emakhulu mané, aneminyaka emanci mathathu, kwathi, kanye ngayo loo mini, yaphuma yonke imikhosi kaYehova ezweni laseYiputa.

42. Bubusuku obo bokugcina kukaYehova, kuba wabakhupha ezweni laseYiputa. Bubusuku bukaYehova obo bokugcinwa ngoonyana bakaSirayeli bonke, ezizukulwaneni zabo.

43. Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Ummiselo wepasika nguló: Bonke oonyana bolunye uhlanga abasayi kudla kuyo.

44. Onke amakhoboka, abantu abazuzwe ngemali, uze uwaluse, andule ke ukudla kuyo.

45. Olundwendwe nongumqeshwa akasayi kudla kuyo.

46. Yodlelwa ndlwini-nye; akusayi kusa nto yaloo nyama ngaphandle kwendlu, anisayi kwaphula thambo layo.

47. Lonke ibandla lakwaSirayeli loyenza loo nto.

48. Xa athe owasemzini waphambukela kuwe, wenza ipasika kuYehova, mayaluswe yonke into eyindoda kuye, andule ke ukusondela, ayenze, abe njengozalelwe kwelo zwe; bonke abangaluswanga abasayi kudla kuyo.

49. Wóba mnye umyalelo, kozalelwe kwelo zwe, nakowasemzini ophambukele phakathi kwenu.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 12