Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 12:37-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Banduluka ke oonyana bakaSirayeli eRameses, baya eSukoti, amadoda eenyawo engáthi akumakhulu omathandathu amawaka, ngaphandle kosapho.

38. Kwenyuka ke nabo inkitha engumxube, nempahla emfutshane, neenkomo, imfuyo eninzi kunene.

39. Bosa amaqebengwana angenagwele entlama, ababephume nayo eYiputa, kuba ibingenagwele; kuba bagxothwa eYiputa ababa nakulibala, kananjalo babengazenzelanga mphako.

40. Ke ukuhlala koonyana bakaSirayeli, abakuhlalayo eYiputa, yiminyaka emakhulu mané aneminyaka emanci mathathu.

41. Ekupheleni kweminyaka emakhulu mané, aneminyaka emanci mathathu, kwathi, kanye ngayo loo mini, yaphuma yonke imikhosi kaYehova ezweni laseYiputa.

42. Bubusuku obo bokugcina kukaYehova, kuba wabakhupha ezweni laseYiputa. Bubusuku bukaYehova obo bokugcinwa ngoonyana bakaSirayeli bonke, ezizukulwaneni zabo.

43. Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Ummiselo wepasika nguló: Bonke oonyana bolunye uhlanga abasayi kudla kuyo.

44. Onke amakhoboka, abantu abazuzwe ngemali, uze uwaluse, andule ke ukudla kuyo.

45. Olundwendwe nongumqeshwa akasayi kudla kuyo.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 12