Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 12:25-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Nòthi, nakufika ezweni aya kuninika uYehova, njengoko watshoyo, niyigcine le nkonzo.

26. Kothi, xa bathe oonyana benu kuni,

27. Iyintoni na le nkonzo kuni? nithi ke, Ngumbingelelo wepasika kuYehova, owagqitha ezindlwini zoonyana bakaSirayeli eYiputa; ekubulaleni kwakhe amaYiputa, wazihlangula izindlu zethu.

28. Bathoba abantu, baqubuda. Bahamba oonyana bakaSirayeli, baya kwenza; njengoko uYehova wabawisela umthetho uMoses noAron, benjenjalo.

29. Kwathi ke phakathi kobusuku, uYehova wawabulala onke amazibulo ezweni laseYiputa, kwathabathela kowamazibulo kaFaro ohleliyo etroneni yakhe, kwasa kowamazibulo omthinjwa osentolongweni engumhadi, namazibulo onke eenkomo.

30. Wavuka uFaro ebusuku, yena nabakhonzi bakhe bonke, namaYiputa onke; kwabakho isikhalo esikhulu eYiputa; kuba akubangakho ndlu ingenamntu ufileyo.

31. Wabiza uMoses noAron ebusuku, wathi, Sukani niphume phakathi kwabantu bam, nina aba noonyana bakaSirayeli, nihambe niye kumkhonza uYehova, njengokutsho kwenu;

32. nempahla yenu emfutshane neenkomo zenu zithabatheni, njengoko natshoyo, nihambe; nam nindisikelele.

33. AmaYiputa ajokisa ukubandulula abantu ngobungxamo kwelo zwe; kuba abesithi, Sonke sesifile.

34. Abantu bayithabatha intlama yabo ingekabi nagwele, imikhumbi yabo yokuxovulela isongelwe ezingutyeni zabo, ibotshelelwe emagxeni abo.

35. Oonyana bakaSirayeli benza ngokwelizwi likaMoses; bacela kumaYiputa iimpahla zesilivere, neempahla zegolide, neengubo.

36. UYehova wabababala abantu phambi kwamaYiputa, ábenza ukuba bacele. Bawaphanga ke amaYiputa.

37. Banduluka ke oonyana bakaSirayeli eRameses, baya eSukoti, amadoda eenyawo engáthi akumakhulu omathandathu amawaka, ngaphandle kosapho.

38. Kwenyuka ke nabo inkitha engumxube, nempahla emfutshane, neenkomo, imfuyo eninzi kunene.

39. Bosa amaqebengwana angenagwele entlama, ababephume nayo eYiputa, kuba ibingenagwele; kuba bagxothwa eYiputa ababa nakulibala, kananjalo babengazenzelanga mphako.

40. Ke ukuhlala koonyana bakaSirayeli, abakuhlalayo eYiputa, yiminyaka emakhulu mané aneminyaka emanci mathathu.

41. Ekupheleni kweminyaka emakhulu mané, aneminyaka emanci mathathu, kwathi, kanye ngayo loo mini, yaphuma yonke imikhosi kaYehova ezweni laseYiputa.

42. Bubusuku obo bokugcina kukaYehova, kuba wabakhupha ezweni laseYiputa. Bubusuku bukaYehova obo bokugcinwa ngoonyana bakaSirayeli bonke, ezizukulwaneni zabo.

43. Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Ummiselo wepasika nguló: Bonke oonyana bolunye uhlanga abasayi kudla kuyo.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 12