Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 11:3-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. UYehova wabababala abantu emehlweni amaYiputa. Kananjalo indoda leyo inguMoses yayinkulu kunene ezweni laseYiputa kubakhonzi bakaFaro nasebantwini.

4. Wathi uMoses, Utsho uYehova ukuthi, Xa kuphakathi kobusuku, ndiya kuphuma ndihambe phakathi kweYiputa,

5. afe onke amazibulo ezweni laseYiputa, ethabathela kumazibulo kaFaro, ohleliyo etroneni yakhe, ese kumazibulo omkhonzazana osemva kwamatye okusila, namazibulo onke eenkomo;

6. kubekho isikhalo esikhulu ezweni lonke laseYiputa, ekungazanga kubekho sinjalo, kwaye kungayi kuphinda kubekho sinjalo.

7. Ke kubo bonke oonyana bakaSirayeli, akukho nja iya kubavungamela, kuthabathela emntwini kuse ezinkomeni; ukuze nazi ukuba uYehova uyawahlula amaYiputa kumaSirayeli;

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 11