Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 1:3-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. uIsakare, uZebhulon noBhenjamin;

4. uDan noNafetali, uGadi noAshere.

5. Iyonke imiphefumlo eyaphumayo esinqeni sikaYakobi yayiyimiphefumlo emashumi asixhenxe; uYosefu yena ubeseleseYiputa.

6. Wafa ke uYosefu nabazalwana bakhe bonke, neso sizukulwana sonke.

7. Oonyana bakaSirayeli baqhama, banyakazela, banda, baba namandla kakhulu kunene; lazala ilizwe ngabo.

8. Kwavela ukumkani omtsha phezu kweYiputa, owayengamazi uYosefu.

9. Wathi ebantwini bakhe, Yabonani, abantu oonyana bakaSirayeli baninzi, banamandla kunathi.

10. Yizani sibalumkise, hleze bande; bathi, xenikweni kuthe kwehla imfazwe, bathelele nabo kwiintshaba zethu, balwe nathi, banyuke baphume ezweni.

11. Bamisa ke phezu kwabo abathetheli bokubafaka uviko, ukuze babacinezele ngemithwalo yabo. Bamakhela ke uFaro imizi enoovimba, iPitom neRameses.

12. Okukhona babacinezeláyo, kokukhona bandayo, kokukhona baphangalaláyo; bakruquka ngabo oonyana bakaSirayeli.

13. AmaYiputa ke abakhonzisa oonyana bakaSirayeli ngokutyumzayo;

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 1