Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 1:17-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Abazalisikazi bôyika uThixo, àbenza ngoko wathetha ngako kubo ukumkani waseYiputa, bawasindisa amakhwenkwe.

18. Wababiza ukumkani waseYiputa abazalisikazi, wathi kubo, Kungani na ukuba nenze le nto yokuwasindisa amakhwenkwe?

19. Bathi abazalisikazi kuFaro, AmaHebherekazi àkanjengabafazi bamaYiputa, kuba omelele; azala engekangeni kuwo umzalisikazi.

20. Ngoko uThixo wabenzela okulungileyo abazalisikazi. Banda abantu, banamandla kakhulu.

21. Kwathi, kuba abazalisikazi babemoyika uThixo, wazisikelela izindlu zabo.

22. UFaro wabawisela umthetho abantu bakhe bonke, wathi, Bonke oonyana abathe bazalwa, baphoseni emlanjeni; ke zonke iintombi zisindiseni.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 1