Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 1:12-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Okukhona babacinezeláyo, kokukhona bandayo, kokukhona baphangalaláyo; bakruquka ngabo oonyana bakaSirayeli.

13. AmaYiputa ke abakhonzisa oonyana bakaSirayeli ngokutyumzayo;

14. abenza bakrakra ubomi babo ngomsebenzi olukhuni, ngodaka nangezitena, nangeentlobo zonke zomsebenzi wasendle; yonke imisebenzi abasetyenziswa yona yayiyetyumzayo.

15. Ke kaloku ukumkani waseYiputa wathetha kubazalisikazi abangamaHebherekazi, igama lomnye linguShifra, igama lomnye linguPuwa;

16. wathi, Ekuzaliseni kwenu amaHebherekazi, khangelani xa azalayo: ukuba ithe yayinkwenkwe, noyibulala; ukuba ithe yayintombi, yodla ubomi.

17. Abazalisikazi bôyika uThixo, àbenza ngoko wathetha ngako kubo ukumkani waseYiputa, bawasindisa amakhwenkwe.

18. Wababiza ukumkani waseYiputa abazalisikazi, wathi kubo, Kungani na ukuba nenze le nto yokuwasindisa amakhwenkwe?

19. Bathi abazalisikazi kuFaro, AmaHebherekazi àkanjengabafazi bamaYiputa, kuba omelele; azala engekangeni kuwo umzalisikazi.

20. Ngoko uThixo wabenzela okulungileyo abazalisikazi. Banda abantu, banamandla kakhulu.

21. Kwathi, kuba abazalisikazi babemoyika uThixo, wazisikelela izindlu zabo.

22. UFaro wabawisela umthetho abantu bakhe bonke, wathi, Bonke oonyana abathe bazalwa, baphoseni emlanjeni; ke zonke iintombi zisindiseni.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 1