Testamente Endala

Testamente Entsha

Ieksodus 1:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngawo la ke amagama oonyana bakaSirayeli, ababefike eYiputa noYakobi;

2. beza elowo nendlu yakhe: uRubhen, uSimon, uLevi noYuda;

3. uIsakare, uZebhulon noBhenjamin;

4. uDan noNafetali, uGadi noAshere.

5. Iyonke imiphefumlo eyaphumayo esinqeni sikaYakobi yayiyimiphefumlo emashumi asixhenxe; uYosefu yena ubeseleseYiputa.

6. Wafa ke uYosefu nabazalwana bakhe bonke, neso sizukulwana sonke.

7. Oonyana bakaSirayeli baqhama, banyakazela, banda, baba namandla kakhulu kunene; lazala ilizwe ngabo.

8. Kwavela ukumkani omtsha phezu kweYiputa, owayengamazi uYosefu.

9. Wathi ebantwini bakhe, Yabonani, abantu oonyana bakaSirayeli baninzi, banamandla kunathi.

funda isahluko epheleleyo Ieksodus 1