Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 9:21-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Isono senu enisenzileyo, ithole elo, ndalithabatha ndalitshisa ngomlilo, ndaliqoba, ndalisila ngokucokisekileyo, lada lacoleka laluthuli, ndaluphosa uthuli lwalo emlanjaneni obusihla entabeni.

22. NaseTabhera, naseMasa, naseKibroti-hatahava, nibe nimqumbisa uYehova.

23. Nasekunisuseni kukaYehova eKadeshebharneha, esithi, Nyukani, nilimé ilizwe elo ndininikileyo, nawuphikisa umlomo kaYehova uThixo wenu, ànakholwa nguye, analiphulaphula izwi lakhe.

24. Naba neenkani kuYehova, kususela kwimini endanazi ngayo.

25. Ndawa ke phantsi phambi koYehova, ezo mini zimashumi mané nobusuku obumashumi mané, endawayo phantsi; kuba uYehova wathi uya kunitshabalalisa.

26. Ndathandaza ke kuYehova, ndathi, Nkosi yam, Yehova, musa ukubatshabalalisa abantu bakho, ilifa lakho, obakhululeyo ngobukhulu bakho, obakhuphileyo eYiputa ngesandla esithe nkqi.

27. Khumbula abakhonzi bakho, ooAbraham noIsake noYakobi. Musa ukukhangela ekugogotyeni kwaba bantu, nakokungendawo kwabo, nasesonweni sabo;

28. hleze lithi ilizwe osikhuphe kulo, Kungokuba ebengenako uYehova ukubangenisa kulo ilizwe abethethe ngalo kubo; kungokuba ebebathiya, le nto wakhuphayo, ukuze ababulalele entlango.

29. Ke ngabantu bakho nelifa lakho, obakhuphileyo ngamandla akho amakhulu, nangengalo yakho eyolukileyo.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 9