Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 9:12-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Wathi uYehova kum, Suka uhle apha kamsinya; ngokuba bonákalisile abantu bakho obakhuphileyo eYiputa; batyeka kamsinya endleleni leyo ndibawisele umthetho ngayo, bazenzela umfanekiso otyhidiweyo.

13. Wathi uYehova kum, Ndibabonile aba bantu; yabona, ngabantu abantamo ilukhuni;

14. ndíyeke, ndibatshabalalise, ndilicime igama labo phantsi kwamazulu, ndikwènze wena uhlanga olunamandla, oluninzi kunabo.

15. Ndajika ke ndehla entabeni, intaba isitsha ngumlilo, amacwecwe omabini omnqophiso esezandleni zam zozibini.

16. Ndakhangela, ndabona ukuba nonile kuYehova uThixo wenu, nazenzela ithole elingumtyhido, natyeka kamsinya endleleni leyo waniwisela umthetho ngayo uYehova.

17. Ndawathabatha amacwecwe omabini, ndawalahla ezandleni zam zozibini, ndawaqhekeza emehlweni enu.

18. Ndawa phantsi phambi koYehova, njengokokuqala, iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané; ndingadli sonka, ndingaseli manzi, ngenxa yezono zenu zonke, enoné ngazo ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba nimqumbise;

19. kuba bendinxunguphele ngumsindo nobushushu abenoburhalarhume ngabo uYehova kuni, ukuba anitshabalalise. Ke uYehova wandiva nangeso sihlandlo.

20. UYehova wamfuthela kunene uAron, ukuba amtshabalalise; ndamthandazela noAron lowo ngelo xesha.

21. Isono senu enisenzileyo, ithole elo, ndalithabatha ndalitshisa ngomlilo, ndaliqoba, ndalisila ngokucokisekileyo, lada lacoleka laluthuli, ndaluphosa uthuli lwalo emlanjaneni obusihla entabeni.

22. NaseTabhera, naseMasa, naseKibroti-hatahava, nibe nimqumbisa uYehova.

23. Nasekunisuseni kukaYehova eKadeshebharneha, esithi, Nyukani, nilimé ilizwe elo ndininikileyo, nawuphikisa umlomo kaYehova uThixo wenu, ànakholwa nguye, analiphulaphula izwi lakhe.

24. Naba neenkani kuYehova, kususela kwimini endanazi ngayo.

25. Ndawa ke phantsi phambi koYehova, ezo mini zimashumi mané nobusuku obumashumi mané, endawayo phantsi; kuba uYehova wathi uya kunitshabalalisa.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 9