Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 9:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yiva, Sirayeli! Ùyayiwela namhla iYordan, usiya kuzihlutha iintlanga ezinkulu, ezinamandla kunawe, imizi emikhulu, enqatyiswe yesa ezulwini;

2. abantu abakhulu, abade, oonyana baka-Anaki, obaziyo wena, obavileyo wena kusithiwa ngabo, Ngubani na onokuma phambi koonyana baka-Anaki?

3. Yazi ke namhla, ukuba uYehova uThixo wakho nguye owela phambi kwakho, engumlilo odlayo. Wòbatshabalalisa, wobathoba phambi kwakho; ubagqogqe, ubacime kamsinya, njengoko wathethayo kuwe uYehova.

4. Uze ungatsho entliziyweni yakho ekubagxotheni kukaYehova uThixo wakho ebusweni bakho, ukuthi, Kungobulungisa bam andingenisileyo uYehova, ukuba ndilimé eli lizwe. Kungokungabi ndawo kwezo ntlanga, le nto uYehova azigqogqayo zingabikho ebusweni bakho.

5. Akungabulungisa bakho, nokuthi tye kwentliziyo yakho, le nto ungénayo ulimé ilizwe lazo: kuba kungokungabi ndawo kwezo ntlanga, le nto uYehova, uThixo wakho, azigqogqayo zingabikho ebusweni bakho, ukuze alimise ilizwi elo uYehova abelifungele ooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi.

6. Yazi ke, ukuba akungabulungisa bakho, le nto uYehova, uThixo wakho, akunikayo eli lizwe lihle ukuba ulimé; ngokuba ningabantu abantamo ilukhuni.

7. Khumbula, musa ukulibala ukumqumbisa kwakho uYehova, uThixo wakho, entlango; kususela kwimini owaphumayo ezweni laseYiputa, wada wangena kule ndawo, naba neenkani kuYehova.

8. NaseHorebhe namqumbisa uYehova, wanifuthela UYehova ukuba anitshabalalise.

9. Oko ndandinyuke ndaya entabeni ukuya kuthabatha amacwecwe amatye, amacwecwe omnqophiso abewenza uYehova nani, ndahlala iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané entabeni, ndingadli sonka, ndingaseli manzi.

10. Wandinika uYehova amacwecwe amabini amatye, ebhalwe ngomnwe kaThixo, kubhalwe kuwo ngokwamazwi onke abewathethile uYehova nani entabeni, phakathi komlilo ngomhla wesikhungu.

11. Kwathi, ekupheleni kweemini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané, uYehova wandinika amacwecwe amabini amatye, amacwecwe omnqophiso.

12. Wathi uYehova kum, Suka uhle apha kamsinya; ngokuba bonákalisile abantu bakho obakhuphileyo eYiputa; batyeka kamsinya endleleni leyo ndibawisele umthetho ngayo, bazenzela umfanekiso otyhidiweyo.

13. Wathi uYehova kum, Ndibabonile aba bantu; yabona, ngabantu abantamo ilukhuni;

14. ndíyeke, ndibatshabalalise, ndilicime igama labo phantsi kwamazulu, ndikwènze wena uhlanga olunamandla, oluninzi kunabo.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 9