Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 8:17-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. úze uthi ke entliziyweni yakho, Ngamandla am nokuqina kwesandla sam okundizuzise obu butyebi.

18. Uze umkhumbule uYehova uThixo wakho, ngokuba nguye okunika amandla okuzuza ubutyebi; ukuze awumise umnqophiso wakhe abewufungele ooyihlo, njengoko kunjalo namhla.

19. Kothi, ukuba ùthe wamlibala uYehova uThixo wakho, walandela thixo bambi, wabakhonza, wabanqula, ndiyaningqinela namhla, ukuba nobhubha kanye.

20. Njengeentlanga uYehova azenze zadaka ebusweni benu, nòdaka ngokunjalo, ngenxa enokuba ningaliphulaphulanga izwi likaYehova uThixo wenu.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 8