Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 8:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wonke umthetho endikuwiselayo namhla, ize nizigcine ngokwenu ukuba niwenze, ukuze niphile, nande, ningene nilimé ilizwe elo walifungela ooyihlo uYehova.

2. Uze uyikhumbule yonke indlela akuhambise ngayo uYehova uThixo wakho, le minyaka imashumi mané entlango, ukuze akuthobe, akulinge, akwazi okusentliziyweni yakho, ukuba wòyigcina imithetho yakhe, akuyi kuyigcina, kusini na.

3. Wakuthoba, wakulambisa, wakudlisa imana,* into obungayazi, ababengayazi nooyihlo; ukuze akwazise ukuba akaphili ngasonka sodwa umntu; umntu lo yena uphila ngento yonke ephuma emlonyeni kaYehova.

4. Ingubo yakho ayonakalanga bubudala ikushiye, nonyawo lwakho aludumbanga, le minyaka imashumi mané.

5. Uze wazi ngentliziyo yakho, ukuba njengoko umntu amqeqeshayo unyana wakhe, uYehova uThixo wakho uyakuqeqesha wena;

6. uyigcine ke imithetho kaYehova uThixo wakho, ukuba uhambe ngeendlela zakhe, umoyike.

7. Kuba uYehova uThixo wakho ukungenisa ezweni elihle; ezweni lemilanjana yamanzi, lemithombo namanzi enzonzobila, aphuma ezihlanjeni nasezintabeni;

8. ezweni lengqolowa, nerhasi, neediliya, nemikhiwane, neerharnate; ezweni leminquma yeoli, nobusi;

9. ezweni ongayi kudla sonka kulo uyimbedlenge, ongayi kuswela nanye into kulo; ezweni elimatye asinyithi, elintaba womba ubhedu kuzo;

10. udle, uhluthe, umbonge uYehova uThixo wakho ngenxa yelizwe elihle akunike lona.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 8