Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 7:9-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Yazi ke, ukuba uYehova uThixo wakho nguye uThixo, uThixo wenyaniso, obagcinela umnqophiso nenceba abamthandayo, abayigcinayo imithetho yakhe, ase ewakeni lesizukulwana;

10. obabuyekezayo abamthiyayo ebusweni babo, ukuba abatshabalalise. Akalibali ukumbuyekeza omthiyayo; uya kumbuyekeza ebusweni bakhe.

11. Wugcine ke umthetho, nemimiselo, namasiko, endikuwisela wona namhla, ukuba uwenze.

12. Kothi ke ngenxa enokuba nithe naweva la mabango, nawagcina, nawenza, akugcinele umnqophiso nenceba uYehova uThixo wakho, awawufunga kooyihlo;

13. akuthande, akusikelele, akwandise, asikelele nesiqhamo sesizalo sakho, neziqhamo zomhlaba wakho, ingqolowa yakho, newayini yakho entsha, neoli yakho, nenkonyana yenkomo yakho, netakane lempahla yakho emfutshane, emhlabeni lowo wawufungela ooyihlo ukuba wokunika.

14. Wósikeleleka ngaphezu kwezizwe zonke; akusayi kubakho nto ingázaliyo, nokuba yindoda nokuba ngumfazi kuwe; nasezinkomeni zakho ayisayi kubakho.

15. UYehova wósusa zonke izifo kuwe; nobulwelwe bonke obubi baseYiputa, obo ubaziyo, akayi kububeka kuwe; úya kububeka kubo bonke abakuthiyayo.

16. Uze uzidle zonke izizwe ezo akunikayo uYehova uThixo wakho; iliso lakho lingabi nanceba kuzo, ungábakhonzi oothixo bazo; ngokuba ngumgibe lowo kuwe.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 7